Ipolisi Yobumfihlo
Yase-Y-Prime, LLC

Injongo

Abakwa-Y-Prime, LLC (YPrime) bazimisele ukwenza izinto ngokuphandle xa kufikelelwa kumba wokuqokelela nokusebenzisa kwabo Inkcazelo Yobuqu. Esi saziso sichaza ukuzimisela kwe-YPrime ukugcina ubumfihlo, ukukhusela inkcazelo kunye namalungelo omntu ngamnye noxanduva lwayo ngokumayela neNkcazelo Yobuqu.

Esi saziso sisebenza kuyo yonke iNkcazelo Yobuqu yabathengi, abathathi-nxaxheba kulingo lwezonyango, ababoneleli beempahla, abafaka izicelo zengqesho, abasebenzi, oonokhontrakha, abo bebekade besisebenzela kunye nabatyelela iwebhusaythi ye-YPrime (njengeekhuki kunye neethegi ze-intanethi) ebonelelwa okanye eqokelelwa ize isetyenziswe ngabakwa-YPrime.

Amalungelo akho phantsi kwe-California Privacy Rights

Phantsi komthetho waseCalifornia “i-Shine the Light,” abahlali abanikezela ngenkcazelo ethile ebenza baziwe ngokumayela nokufumana iimveliso okanye iinkonzo zobuqu, zosapho okanye ukuze isetyenziswe ngamakhaya abo banelungelo lokucela nokufumana kuthi inkcazelo (kanye ngonyaka) malunga nenkcazelo yomthengi esabelana ngayo (ukuba ikhona) kunye namanye amashishini aza kuyisebenzisela iinjongo zawo zokuthengisa.

Ukuba kuyasebenza, le nkcazelo ingaquka iikhathegori zenkcazelo yabathengi kunye namagama needilesi zaloo mashishini esabelane nawo ngenkcazelo yomthengi kunyaka odluleyo (umz. izicelo ezenziwe ngo-2021 ziza kufumana inkcazelo malunga nokwabelana okwenziwe ngo-2020, ukuba bekukho).

Ukuze ufumane le nkcazelo, nceda uthumele umyalezo we-imeyile ku privacy@yprime.com uze kumgca wesihloko, ubhale “Isicelo seNkcazelo Yobumfihlo eCalifornia”. Siza kuphendula ngokukunika inkcazelo oyicelileyo kwidilesi ye-imeyile.

Nceda wazi ukuba asiyiyo yonke inkcazelo ekwabelwane ngayo efumaneka ngaphantsi kweemfuneko “ze-Shine the Light,” kwaye yinkcazelo ephantsi kwezibonelelo zokwabelana kuphela eza kuqukwa kwimpendulo yethu.

Abakwa-YPrime bayabuhlonipha ubumfihlo bomntu kwaye bayakuxabisa ukuthenjwa ngabathengi, ngabaqeshwa, abathathi-nxaxheba kulingo lwezonyango, abasebenzisi beemveliso, amaqabane ezoshishino kunye nabanye. I-YPrime izama ukuqokelela, ukusebenzisa kunye nokuchaza iNkcazelo Yobuqu ngendlela ehambelana nemithetho eqhuba kuyo ushishino kodwa inesiko lokubambelela kweyona milinganiselo iphakamileyo yokuziphatha kwindlela eshishina ngayo.

Imibuzo malunga nesi saziso okanye izicelo zenkcazelo eyongezelelekileyo zimele zithunyelwe ku privacy@yprime.com. I-YPrime iyayithobela i-GDPR.

Esi saziso singamane sihlaziywa. Xa kuhlaziywe ipolisi ngokubanzi, umhla wokugqibela kwayo ukuhlaziywa uya kuvezwa ekupheleni kwephepha.

Ingcaciso Yamagama

“Umlawuli weNkcazelo” ngumntu okanye yinkampani, igunya loluntu, iarhente okanye elinye iqumrhu enoba lilodwa okanye likunye namanye, eligqiba ngenjongo kunye neendlela Zokusebenzisa iNkcazelo Yobuqu.

“Umnini Nkcazelo” ngumntu ophilayo onokuchongwa.

“I-GDPR” nguMthetho Gabalala we-European Union Wokukhuselwa Kwenkcazelo

“Inkcazelo Yobuqu” yiyo nayiphi na inkcazelo emalunga nomntu ophilayo onokwaziwa kusetyenziswa loo nkcazelo. Ngaphantsi komthetho we-GDPR, le nkcazelo yaziwa “NjengeNkcazelo Eyenza Umntu Aziwe”.

“Ukusebenzisa” kuko nakuphi ukusebenzisa inkcazelo kuquka ukuyiqokelela, ukuyigcina, ukuyilungisa, ukuyichaza okanye ukuyitshabalalisa.

“Umsebenzisi Wenkcazelo\” ngumntu okanye yinkampani, igunya loluntu, iarhente okanye elinye iqumrhu elisebenzisa iNkcazelo Yobuqu egameni lomlawuli wenkcazelo.

“Iikhathegori Ezikhethekileyo zeNkcazelo Yobuqu” zithetha inkcazelo malunga nemvelaphi yohlanga okanye ibala lomntu. Inkcazelo Yengxelo Yolwaphulo Mthetho, izimvo ngezopolitiko, iinkolelo zonqulo okanye zobuqu, ukuba lilungu lombutho wabasebenzi, impilo,. inkcazelo yesondo okanye isini umntu athandana naso kwaye inkcazelo yeminwe yomntu iba luhlobo oluthile lweNkcazelo Yobuqu.

“Inkcazelo Yengxelo Yolwaphulo Mthetho” ithetha inkcazelo nokugwetywa komntu ngenxa yokwaphula umthetho kunye nenkcazelo malunga nezityholo netyala lokwaphula umthetho.

Imigaqo Yokukhusela Inkcazelo

I-YPrime isebenzisa iNkcazelo Yobuqu ngokumayela nale migaqo yokukhusela inkcazelo ilandelayo:

  • Isebenzisa Inkcazelo Yobuqu ngokusesikweni, ngokusemthethweni nangendlela engekho semfihlekweni.
  • Iqokelela Inkcazelo Yobuqu ukwenzela iinjongo ezichaziweyo, ezicace gca nezibambekayo.
  • Isebenzisa Inkcazelo Yobuqu kuphela xa kufanelekile, ifuneka kwaye ilinganiselwe koko kufunekayo ukuze iSetyenziswe.
  • Igcina ingxelo echanekileyo yeNkcazelo Yobuqu kwaye ithatha onke amanyathelo asengqiqweni ukuze iqinisekise ukuba iNkcazelo Yobuqu engachanekanga iyalungiswa okanye iyacinywa ngaphandle kokulibazisa.
  • Inkcazelo Yobuqu Igcinwa kuphela kangangexesha eliyimfuneko ukuze iSetyenziswe.
  • Ithatha amanyathelo okuqinisekisa ukuba iNkcazelo Yobuqu ikhuselekile kwaye iyakhuselwa nxamnye nokuSetyenziswa ngaphandle kokugunyaziswa okanye ukuSetyenziswa okungekho mthethweni, ukulahleka, ukutshatyalaliswa okanye ukonakaliswa ngempazamo.

I-YPrime ithatha uxanduva ngendlela eyifumana, eyisebenzisa ize iyitshabalalise ngayo iNkcazelo Yobuqu kunye nokuqinisekisa ukuba ithobela imigaqo engasentla.

  • Ukusebenzisa Inkcazelo Yobuqu ngokusesikweni, ngokusemthethweni nangendlela engekho semfihlekweni.
  • ukuqokelela Inkcazelo Yobuqu ukwenzela iinjongo ezichaziweyo, ezicace gca nezibambekayo.
  • Ukusebenzisa Inkcazelo Yobuqu kuphela xa kufanelekile, ifuneka kwaye ilinganiselwe koko kufunekayo ukuze iSetyenziswe.
  • Ukugcina ingxelo echanekileyo yeNkcazelo Yobuqu kwaye ithatha onke amanyathelo asengqiqweni ukuze iqinisekise ukuba iNkcazelo Yobuqu engachanekanga iyalungiswa okanye iyacinywa ngaphandle kokulibazisa.
  • Ukugcina Inkcazelo Yobuqu kuphela kangangexesha eliyimfuneko ukuze iSetyenziswe.
  • Ukuthatha amanyathelo okuqinisekisa ukuba iNkcazelo Yobuqu ikhuselekile kwaye iyakhuselwa nxamnye nokuSetyenziswa ngaphandle kokugunyaziswa okanye ukuSetyenziswa okungekho mthethweni, ukulahleka, ukutshatyalaliswa okanye ukonakaliswa ngempazamo.
  • I-YPrime ithatha uxanduva ngendlela eyifumana, eyisebenzisa ize iyitshabalalise ngayo iNkcazelo Yobuqu kunye nokuqinisekisa ukuba ithobela imigaqo engasentla.

Apho igqalwa njengoMlawuli weNkcazelo, i-YPrime ixelela abantu kwizaziso zobumfihlo izizathu zokuSebenzisa kwayo iNkcazelo yabo Yobuqu, indlela eyisebenzisa ngayo loo nkcazelo kunye nesizathu esisemthethweni sokuyisebenzisa, sokungayisebenzisi iNkcazelo Yobuqu yabantu ngenxa yezinye izizathu. Apho i-YPrime ixhomekeke kumdla wayo osesikweni njengesizathu sokuSebenzisa inkcazelo, iza kwenza uvavanyo ukuze iqinisekise ukuba amalungelo neenkululeko zabantu azizi kuqala na kunomdla wayo. I-YPrime iza kuhlaziya iNkcazelo Yobuqu ngokukhawuleza ukuba umntu uyichazela ukuba inkcazelo yakhe itshintshile okanye ayichanekanga.

Apho igqalwa njengoMsebenzisi weNkcazelo okanye umsebenzisi ongaphantsi, i-YPrime iza kusebenzisa iNkcazelo Yobuqu ngokumayela nemithetho nemimiselo esebenzayo kwaye ngendlela eyalelwe ngayo ngumlawuli wenkcazelo.

Inkcazelo Yobuqu eqokelelwe kulwalamano nabaqeshwa, oonokhontrakha igcinwa ikwifayile yaloo mntu ungumqeshwa ikuhlobo lwephepha okanye lwe-eletronikhi nakwiinkqubo ze-HR zase-YPrime. Ubude bexesha lokugcina kwe-YPrime kweengxelo ze-HR ezimayela neNkcazelo Yobuqu buqulethwe kwizaziso zobumfihlo ezikhutshelwe abo bantu.

Ngamanye amaxesha, oonokhontrakha abalungisa izinto zakwa-YPrime baye bafikelele ngokulinganiselweyo kwiNkcazelo Yobuqu xa bebonelela ngeemveliso okanye iinkonzo ku-YPrime. Ukufikelela kwiNkcazelo Yobuqu ngaba nokhontrakha kuphelele koko kuyimfuneko ukuze benze umsebenzi egameni le-YPrime. I-YPrime ifuna oonokhontrakha bayo abalungisa izinto benze oku: (1) ukukhusela ubumfihlo bayo nayiphi na iNkcazelo Yobuqu ngokuvisisana nesi saziso kunye (2) nokungayisebenzisi okanye ukuyichaza iNkcazelo Yobuqu ngaphandle kwenjongo yokubonelela ngeemveliso neenkonzo zase-YPrime njengoko kufunwa ngumthetho.

I-YPrime igcina ingxelo yezinto ezenziwayo xa kuSetyenziswa iNkcazelo Yobuqu ngokumayela neemfuno ze-GDPR.

Amalungelo Abantu

Njengabanini nkcazelo, abantu banamalungelo aliqela ngokunxulumene neNkcazelo yabo Yobuqu.

Izicelo Zabanini Zokufikelela

Abantu banelungelo lokwazi ukuba yeyiphi iNkcazelo yabo Yobuqu elawulwa nesetyenziswa yi-YPrime kunye nokuqinisekisa ukuba loo Nkcazelo Yobuqu ichanile kwaye izifanele iinjongo eqokelelwe zona. Ukuba umntu ufaka isicelo esisengqiqweni, i-YPrime iza kumchazela:

  • enoba inkcazelo yakhe iyasetyenziswa okanye akunjalo; ukuba iyasetyenziswa iikhathegori zeNkcazelo Yobuqu ezichaphazelekayo kunye nomthombo wenkcazelo ukuba ayifunyenwanga kuloo mntu;
  • ukuba ngubani onokuchazelwa inkcazelo yaloo mntu, kuquka abafumani bayo abangaphandle kwe-European Economic Area (EEA) kunye namanyathelo okukhusela asebenza xa ithunyelwa;
  • ukuba iNkcazelo yakhe Yobuqu igcinwa kangangexesha elingakanani na (okanye kugqitywa njani ngobude bexesha lokuyigcina);
  • amalungelo akhe malunga nokulungiswa okanye ukucinywa kwenkcazelo okanye ukuyilinganisela okanye ukungavumi ukuba iSetyenziswe;
  • ilungelo lakhe lokukhalaza kwigunya elilawula ubumfihlo benkcazelo ukuba ucinga ukuba i-YPrime isilele ukuthobela amalungelo okukhusela inkcazelo yakhe; nokuba
  • i-YPrime isebenzisa inkqubo yokwenza izigqibo ngokuzenzekelayo okanye akunjalo na kunye namanyathelo athatyathwayo xa kusenziwa ezo zigqibo.

I-YPrime iza kunika umntu ikopi yeNkcazelo Yobuqu esele iqokelelwe ngethuba ibiSetyenziswa. Oku kudla ngokuba kwimo ye-eletronikhi ukuba umntu ufake isicelo esebenzisa i-eletronikhi ngaphandle kokuba umntu ucela ukuyinikwa ngenye indlela.

Ukuba umntu ufuna iikopi ezongezelelekileyo, i-YPrime ingambhatalisa imali esengqiqweni, mali leyo eza kusekelwa kwiindleko zolawulo zokubonelela iikopi ezingakumbi.

Ukuze afake isicelo somnini, umntu umele athumele umyalezo we-imeyile ku marketing@yprime.com. Phantse kuzo zonke iimeko, umthetho ufuna ukuba i-YPrime icele ubungqina bokuba ungubani na ngaphambi kokuba inkcazelo ecelwayo uyifumane. Kwakhona, kwezinye iimeko, kusenokufuneka ukuba i-YPrime iqhagamshelane nomlawuli wenkcazelo ukuba inguMlawuli weNkcazelo (okanye umsebenzisi ongaphantsi), ukuba kuyimfuneko.

I-YPrime iza kuphendula kwisithuba senyanga emva komhla wokufumana isicelo. Kwezinye iimeko njengaxa i-YPrime isebenzisa inkcazelo eninzi yomntu, ingaphendula kwisithuba seenyanga ezintathu emva kokufumana isicelo. Ukuba kunjalo, i-YPrime iza kubhalela umntu kwisithuba senyanga emva kokufumana isicelo somntu ukuze imxelele ngaloo nto.

Ukuba kucace gca ukuba asinasihlahla okanye singaphaya kwemida yamalungelo isicelo somnini nkcazelo, kunganganyanzeleki ukuba i-YPrime isiphumeze. Kungenjalo, i-YPrime ingavuma ukuba iza kuphendula kwaye iza kubhatalisa ukuze iphumeze eso sicelo, imali eza kubhataliswa iya kusekelwa kwiindleko zolawulo zokuphendula isicelo. Umzekelo wesicelo somnini nkcazelo esinokugqalwa njengeso singenasihlahla okanye esingaphaya kwemida yamalungelo kuxa eso sicelo siphindwa kodwa i-YPrime ibisele isiphendule. Ukuba umntu ufaka isicelo esingenasihlahla okanye esingaphaya kwamalungelo omnini, i-YPrime iza kumazisa ukuba kunjalo kwanokuba iza kusiphendula okanye akunjalo na.

Amanye Amalungelo

Abantu banamalungelo aliqela ngokumayela neNkcazelo Yabo Yobuqu. Abantu bangacela i-YPrime ukuba:

  • Ibazise malunga nokuqokelelwa nokusetyenziswa kweNkcazelo Yabo Yobuqu;
  • ilungise iNkcazelo Yobuqu engachanekanga;
  • iyeke ukuSebenzisa okanye icime iNkcazelo Yobuqu engasafunekiyo ukuze kuphunyezwe iinjongo zoSetyenziso;
  • iqhubeke igcina iNkcazelo yabo Yobuqu kodwa ingayisebenzisi;
  • ihloniphe ilungelo lomntu lokungavumi ukuSetyeniswa kweNkcazelo yakhe Yobuqu phantsi kweemeko ezithile njengaxa kuthengiswa;
  • ibanike iNkcazelo yabo Yobuqu ikwimo enokufundeka ukuze ikwazi ukufuduselwa kwenye indawo ye-IT. Ngokuqhelekileyo, esi sicelo sisiphumeza ngokunikezela ngenkcazelo ikwifomu “enenkcazelo eyahlulwe ngeekoma” (csv);
  • ihloniphe ilungelo lomntu ngokumayela nokwenza isigqibo ngokuzenzekelayo ngokusekelwe kwiNkcazelo yakhe Yobuqu;
  • iyeke ukuSebenzisa okanye icime iNkcazelo Yobuqu ukuba umdla womntu ungaphezulu kwezizathu ezibambekayo ze-YPrime zokuSebenzisa iNkcazelo Yobuqu (apho i-YPrime ixhomekeke kumdla wayo osesikweni njengesizathu sokuSebenzisa iNkcazelo Yobuqu);
  • iyeke ukuSebenzisa okanye icime iNkcazelo Yobuqu ukuba ukuyiSebenzisa akukho mthethweni; kunye
  • nokuyeka ukuSebenzisa iNkcazelo Yobuqu kangangexesha elithile ukuba ayichanekanga okanye ukuba kukho impikiswano malunga nokuba unako na umdla womntu okanye akunjalo ukuba athathele indawo izizathu ezibambekayo zokuSebenzisa iNkcazelo Yobuqu ngu-YPrime.

Ukuze umntu acele ukuba i-YPrime ithathe nokuba ngawaphi kula manyathelo, umele athumele umyalezo nge-imeyile ku marketing@yprime.com.

Abantu bakwi-EU (Abanini beNkcazelo bakwi-EU) bangakhalaza kwigunya lokhuseleko lenkcazelo kwilizwe labo kwaye bangacela ulamlo lwamabango ashiyekileyo angasonjululwanga ngezinye iindlela.

Ukuba ufuna ukuhlomla okanye unenkxalabo engenakusonjululwa sithi ngokungqalileyo, unokuqhagamshelana negunya lokhuseleko lwenkcazelo kwindawo ohlala kuyo.

Ukhuseleko Lwenkcazelo

I-YPrime ikuthatha ngokunzulu ukukhuseleka kweNkcazelo Yobuqu.

I-YPrime ineepolisi zangaphakathi kunye nolawulo olukhoyo ukuze ikhusele iNkcazelo Yobuqu nxamnye nokulahleka, ukutshatyalaliswa ngengozi, ukusetyenziswa ngokungafanelekanga okanye ukuba ichazwe nokuze iqinisekise ukuba inkcazelo akufikelelwa kuyo ngaphandle kokuba ngabasebenzi abafikelela kuyo xa besenza umsebenzi wabo.

Xa i-YPrime iqesha amaqela angaphandle ukuba asebenzise iNkcazelo Yobuqu egameni layo, loo maqela akwenza oko phantsi kwemiyalelo ebhaliweyo kwaye anoxanduva lokugcina ubumfihlo ibe kunyanzelekile ukuba abe namanyathelo afanelekileyo ezobugcisa nawangaphakathi kuwo ukuze aqinisekise ukukhuseleka kwenkcazelo.

I-YPrime iyaqonda ukuba kungakho ityala kwiimeko apho iNkcazelo Yobuqu inokufuduselwa kumaqela angaphandle. I-YPrime ayisayi kuthumela nayiphi na iNkcazelo Yobuqu kwiqela langaphandle ingakhange iqale iqinisekise ukuba elo qela lithobela imigaqo okanye imithetho efanayo ebonelela ngokhuseleko olufanelekileyo nolulinganayo. I-YPrime ayiyithumeli iNkcazelo Yobuqu kumaqela angaphandle angenanto yakwenza nokuyisebenzisa ngaphandle kokuba ayalelwe ngumthengi okanye ngomnye umlawuli wenkcazelo. Ngokomzekelo, ezo meko zingaquka ukuchazwa kweNkcazelo Yobuqu yomthengi xa kufunwa ngumthetho okanye yinkqubo yomthetho okanye ukuyichaza okwenziwa ngenxa yomdla womntu onokwaziwa njengaxa oko kubandakanya ubomi, impilo okanye ukhuseleko. Kwimeko apho kucelwa ukuba i-YPrime ithumele iNkcazelo Yobuqu kwiqela elinganxulumenanga, iza kuqinisekisa ukuba elo qela libonelela ngokhuseleko olufanelekileyo nolulinganayo. Ukuba i-YPrime ifumanisa ukuba iqela elinganxulumenanga elifumene iNkcazelo Yobuqu ku-YPrime liyisebenzisa okanye liyichaza iNkcazelo Yobuqu ngendlela echaseneyo nesi saziso, i-YPrime iza kuthatha amanyathelo asengqiqweni ukuze ithintele okanye iyekise ukusetyenziswa okanye ukuchazwa kwayo.

Ukuhlola Igalelo

Ukusetyenziswa okuthile okwenziwa yi-YPrime kunganemingcipheko kubumfihlo.

Xa ukuSebenzisa kungaphumela kumngcipheko omkhulu kumalungelo kunye nenkululeko yomntu, i-YPrime iza kuvavanya ukuba inkcazelo ingakhuseleka kusini na ukuze igqibe ngemfuneko kunye nokuSebenzisa ngomlinganiselo ofunekayo. Oku kuza kuquka ukuqwalasela iinjongo owenzelwa wona umsebenzi, imingcipheko kubantu kunye namanyathelo anokubekwa ukuze kuncitshiswe loo mingcipheko.

Ukufikelelwa Kwinkcazelo

Ukuba i-YPrime ifumanisa ukuba kuye kwafikelelwa kwiNkcazelo Yobuqu ibe oko kubangela umngcipheko kumalungelo nenkululeko yabantu, iza kukuxela oko kwi-Information Commissioner zingadlulanga iiyure ezingama-72 emva kokuba ikwazi oko.

I-YPrime iza kwenza ingxelo ngako konke ukufikelelwa kwenkcazelo nokuba kunawuphi na umphumo.

Ukuba ukufikelelwa kwenkcazelo kungenzeka kubangele umngcipheko ophezulu kumalungelo nakwinkululeko yabantu, iza kuchazela abantu abachaphazelekayo ukuba kuye kwakho ukufikelewla kwinkcazelo ize ibanike inkcazelo malunga nomphumo woko kunye nezinto abanokuzenza ukuze bathintelo loo miphumo.

Ukuthunyelwa Kwenkcazelo Kwamanye Amazwe

Inkcazelo Yobuqu elawulwa okanye esetyenziswa yi-YPrime ingathunyelwa kumazwe angaphandle kwe-EEA.

I-YPrime iqinisekisa ukuthobela esi saziso ngokusebenzisa Amagatya Aqhelekileyo Esivumelwano, asebenzayo ize iphande ngokupheleleyo kwaye izame ukusombulula nasiphi na isikhalazo okanye impikiswano malunga nokusetyenziswa kunye nokuchazwa kweNkcazelo Yobuqu okungahambelani nesi saziso.

Uxanduva Lwabasebenzi base-YPrime

Abasebenzi base-YPrime bangafikelela kwiNkcazelo Yobuqu yabanye abantu kunye naleyo yabathengi neeklayenti xa besenza umsebenzi wabo wesiqhelo.

Xa kunjalo, i-YPrime ixhomekeke kwabo basebenzi ukuba bancedisane nayo ekufikeleleni izibophelelo zokukhusela inkcaazelo yobuqu yabasebenzi, abathengi neeklayenti.

Abasebenzi abafikelela kwiNkcazelo Yobuqu kufuneka:

  • bafikelele kuphela kwinkaczelo abagunyaziswe ukuyifikelela bekwenza oko kuphela ngeenjongo ezigunyazisiweyo;
  • bangachazi nkcazelo ngaphandle kokuxelela abo bantu bangaphakathi nangaphandle kwase-YPrime abagunyazisiwe ngokufanelekileyo;
  • ngokomzekelo bagcine inkcazelo ikhuselekile ngokuthi bathobele imithetho yokufikelela kwisakhiwo, kwikhompyutha kuquka ukhuseleko ngephaswedi kunye nokugcina iifayile zikhuselekile kwanaxa zitshatyalaliswa;
  • bangasusi kwizakhiwo ze-YPrime iNkcazelo Yobuqu, okanye izixhobo eziqulethe yona okanye ezinokusetyenziswa ukuze kufikelwe kwiNkcazelo Yobuqu ngaphandle kokuthatha amanyathelo okhuseleko afanelekileyo afana nokuyikhusela ngekhowudi okanye ngephaswedi ukuze kukhuselwe inkcazelo kunye nesixhobo;
  • bangagcini iNkcazelo Yobuqu kwiidrayivu zekhompyutha okanye kwizixhobo zobuqu ezisetyenziselwa iinjongo zomsebenzi; kunye
  • nokuxela ukufikelelwa kwenkcazelo abakwaziyo ku privacy@yprime.com ngoko nangoko.

Ukungathobeli ezi mfanelo kungathathwa njengesityholo setylal loluleko kwaye kuya kusetyenziswa imigaqo-nkqubo yase-YPrime ukuze kulungiswe.

I-YPrime iza kuqeqesha bonke abasebenzi malunga noxanduva lwabo lokukhusela inkcazelo njengenxalenye yenkqubo yabasebenzi abafikayo narhoqo emva koko.

Abasebenzi abanemisebenzi efuna bafikelele rhoqo kwiNkcazelo Yobuqu okanye abanoxanduva lokuphumeza esi saziso okanye sokuphendula izicelo zabanini phantsi kwesi saziso baza kufumana uqeqesho olongezelelekileyo ukuze lubancede baqonde umsebenzi wabo nendlela yokuthobela xa bewenza.

Ubumfihlo Kwi-intanethi

I-YPrime okanye amaqela esithathu xa eyalelwe yi-YPrime angaqokelela iNkcazelo Yobuqu esebenzisa iwebhusayithi naxa iindwendwe zisebenzisa izinto ezikwiwebhusayithi ye-YPrime ibe nako oko kungaphantsi kwesi saziso. Inkcazelo Yobuqu enjalo ingaqokelelwa xa umntu efaka igama okanye idilesi yakhe. I-YPrime okanye amaqela esithathu ayalelwe yi-YPrime, angaqokelela inkcazelo malunga notyelelo kwiwebhusaythi ye-YPrime kungakhange kufuneke umntu afake ngokwakhe inkcazelo ngenxa yokusetyenziswa kweendlela zobuxhakaxhaka eziqokelela inkcazelo ngokuzenzekelayo njenge-IP address, iikhuki, ii-pixel kunye nezinto ezenziwa ngumsebenzisi wewebhusayithi. Nangona inkcazelo eqokelelwe ngokuzenzekelayo ngeendlela zobuxhakaxhaka ingadibani ngqo nomntu, iibrawuza ze-intanethi zithumela inkcazelo ngokuzenzekelayo kwiwebhusayithi ye-YPrime malunga nesoftwe esetyeziswa yikhompyutha njenge-IP address kunye nenguqulelo yebrawuza. Inkcazelo eqokelelwe zezi teknoloji ayinakusetyenziselwa ukwazi abantu ngaphandle kwenkcazelo eyongezelelekileyo eneenkcukacha zokumenza aziwe.

Iikhuki

I-YPrime isebenzisa iikhuki, zona zifayile zedatha ezincinane ezikhutshwa liqonga lethu zize zigcinwe kwisixhobo sakho. Iwebhusayithi yethu isebenzisa iikhuki ezishiywe sithi okanye ngamaqela esithathu ngeenjongo ezahlukahlukeneyo kuquka ukusebenzisa kunye nokwenza iwebhusayithi ifanele wena ukuze kuphuculwe amava omsebenzisi kunye neenjongo zezibhengezo ezijoliswe kuwe. Iikhuki zingaphelelwa xa ugqiba ukubrawuza okanye zingagcinwa kwikhompyutha yakho zilungele utyelelo lwakho olulandelayo kwiwebhusayithi. Unokuthintela ukusetwa kweekhuki ngokuhlengahlenisa iisethingi zebrawuza yakho (jonga icandelo “Loncedo” kwibrawuza yakho ngendlela yokwenza oku). Ukwenza zingasebenzi iikhuki kuza kuchaphazela indlela oyisebenzisa ngayo iwebhusayithi.

Inguqulelo 9, igqityelwe ukuhlaziywa nge-25 kaMatshi ngo-2023

Scroll to Top